Yonke Leminyaka
by loyiso soci
Kude kwangoku ndinkantsaza
Kude kwalapha ndisanyamezele
Ndinyamenzel’ ubunzima bemfundo
Yonke leminyaka
Iminyaka yembandezelo
Iminyaka yobunzima,
ubunzima bokunyanyezelwa
Yonke leminyaka
Ndizifundile iincwadi
Iincwadi zamaqhaw’ elilizwe
Amaqhaw’ angazang’ anikezele
Yonke leminyaka
Khaniphengulul’ iincwadi
niyalul’ amaphepha,
iincwadi zamaqhaw’ akowethu
Yonke leminyaka
Bambelelani lutsha lwakowethu
Nibambelele kude kutshone neenzipho
Ninyamezele nay’ iyakuninyamezela
Yonke leminyaka
Imbila yaswel’ umsila ngokuyalezela
Qinani ke; nifike nakwenomsila
Kungenjalo soqhaw’ka sikhwaphulwe
Yonke leminyaka.
© copyright protected
|