Ndixolele
by thokozani ntshuntsha
Ndityam-tyam ngamatyukumfa
Nezivubeko zothando lobuxoki
Ndihambe ndintlaleka ndifohleka
Ngenxa yokufun’ intembeko.
Ndilililo nangoku, ngenxa yokufun’ ukunyaniseka.
Andinalo uthando lokwenene.
Ndisisu sendlala, ndiyintlekisa
Kungani na ukuba ndingabathanda ndibetheka.
Ndiyintleke-ntleke ndindlandlathekisiwe luthando lomzuzwana.
Ngenxa yakho futhi sithandwa sam,
Ndixolele ndonele zizenzo zakho,
Ubu wena undibonise imihlola.
Waza kum njenge litha lobomi.
Ndazinyakathisela kuwe
Nge yinkqayi kwintlontlo
Ndikubona ‘ngath’ uyakuba
Ngumxolisi wentliziyo yam.
Wandinika olo ncumo luthambileyo.
Ndakungcamlisa emthonjeni wothando de wachekrwa,
Ndakunika nokudingwa yinyama,
Wonwaba wagqithisa
Suka wandivezela ubume bakho.
Ubomi bam ububhadu-bhadulisile,
Kuba nangoku ndibhidekile
Njenge nkwetshelele.
Kutheni ungathi undizinzele?
Ndithi phuma kum ngoku
Awuphuphi, alungcwenganga ludukile.
Ayingomhlola yinyaniso.
Mna andisabizwa ngokuba ndikowakho.
© copyright protected
|