Ndinguye
by wineka mpetsheni
Ndizigocagocile, ndazihla'amahlongwana
Ndizikhangela, ndizilongalonga
Ndizibonol'ukuba ndingumdaka
Ozenzo zihlala zimkhanyela
Ndinguye olahlekileyo, olibeleyo
Ookhokho bakhe babethjw ngemf'iphindiwe
Babanjis'wiliwa belindisw'indyhebo
UNxel'useza yini na? Kodwa kuphi okwabo?
Ndinguye, ookhokho bakhe balwileyo
Baza nashiy'oobaw'ingabaseleyo
Bathezw'amandla, yatsalw'imikhala, bavinj'amagunya
Baphiliswa ngemvukelwano baphela nya!
Ndinguy'obantakwe, basakwe, nabanakwe
Banyisele'uthando lwesizw'emibeleni
Bancam'ubomi, izenzo zasuk'emilebeni
Gazi labo ndilapha nje lilo
Ndithi ndinguy'ongez'aphele mandla
Owazalwa nobuntu koko wabudla
Ogazi lam lindinukelayo 'ngako ndihlala ndiliphalaza
Onikezw'amathuba kodw'uhlal'enothinazo
Ndinguy'olikhoboka lengqondo yam
Uhlambandiwavile, usazel'andinaso
Usengel'emlonyen'okwetyhag'isidl'izapholo
Ovumba lisisankqanga loyisa neziqholo
Ndithi ndinguye
Owayesakum'exhantini, enzunxibelelwano
Onzipho zitshon'empucukwene,nofanelwe yingqumbo
Kuze kumil'inqgondo kuz'inguquko
Ukuze ndihlonele, ndithande, ndihombe
Ndinguye tyhini ndinguye
Ndinguy'umdaka
Ummi weli lizwe.
© copyright protected
|